Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 5:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Hleze uyinike abanye intlahla yakho,Uyinike isijorha iminyaka yakho;

10. Hleze kuhluthe abasemzini ngamandla akho,Kungene endlwini yowolunye uhlanga ukubulaleka kwakho;

11. Ugcume ekupheleni kwakho,Ekudlekeni kwenyama yakho nezihlunu zakho;

12. Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho,Yasigiba isohlwayo intliziyo yam?

13. Àndaliphulaphula izwi labayali bam;Àndayithobela indlebe yam kubafundisi bam!

14. Ndaphantsa ukuba sebubini bonkeEsazulwini sesikhungu nebandla.

15. Sela amanzi kwelakho iqula,Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho.

16. Mayiphalale phandle imithombo yakho,Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.

17. Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa,Ingabi yeyabangéngabo abakowenu kunye nawe.

18. Malisikelelwe ithende lakho,Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;

19. Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle;Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke,Uyotywe luthando lwakhe kuphele.

20. Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu,Uwole isifuba sowolunye uhlanga?

21. Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,Áyilungelelanise imikhondo yakhe.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 5