Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 5:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Mayiphalale phandle imithombo yakho,Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.

17. Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa,Ingabi yeyabangéngabo abakowenu kunye nawe.

18. Malisikelelwe ithende lakho,Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;

19. Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle;Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke,Uyotywe luthando lwakhe kuphele.

20. Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu,Uwole isifuba sowolunye uhlanga?

21. Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,Áyilungelelanise imikhondo yakhe.

22. Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo,Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.

23. Yena ufa kukuswela uqeqesho,Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 5