Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 4:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo;Yicezele, ugqithe.

16. Kuba àbalali, ukuba àbathanga benze ububi;Bemkelwa bubuthongo ukuba àbathanga bakhubekise abanye.

17. Kuba badla isonka sokungendawo,Basele iwayini yogonyamelo.

18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso,Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.

19. Indlela yabangendawo injengesithokothoko;Àbayazi into abakhubeka kuyo.

20. Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am;Intetho yam yithobele indlebe yakho.

21. Mayingemki emehlweni akho;Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.

22. Kuba ibubomi kwabayifumanayo,Nempiliso enyameni yabo yonke.

23. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho;Kuba aphuma kuyo amathende obomi.

24. Kususe kuwe ukujibiliza komlomo,Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.

25. Amehlo akho makakhangele athi gca,Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.

26. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho,Zonke iindlela zakho zizimaseke.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 4