Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 4:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo,Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.

2. Kuba ndininika imfundiso elungileyo;Musani ukuwushiya umyalelo wam.

3. Kuba ndandingunyana kubawo,Ndíthambile, ndímnye phambi koma.

4. Wandiyala ke, wathi kum,Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am;Gcina imithetho yam, uphile,

5. Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo;Musa ukulibala, ungàthi gu bucala entethweni yomlomo wam.

6. Musa ukubushiya, bókugcina;Buthande, bókulondoloza.

7. Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko,Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.

8. Búnonelele, bokuphakamisa;Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.

9. Boyinika intloko yakho isangqawe esihle,Bokúpha isithsaba sokuhomba.

10. Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam,Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.

11. Ndikuyálele indlela yobulumko,Ndikunyathelisé emkhondweni wokuthe tye.

12. Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho;Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.

13. Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka;Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.

14. Musa ukungena emendweni wabangendawo,Unganyatheli endleleni yabanobubi.

15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo;Yicezele, ugqithe.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 4