Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 30:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba ndisisityhakala, andimntu;Ingqondo yomntu ayikho kum.

3. Andifundanga bulumko,Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.

4. Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla?Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe?Ngubani na obophe amanzi engutyeni?Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi?

5. Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.

6. Musa ukongeza emazwini akhe,Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.

7. Ndicelé kuwe izinto ezimbini;Musa ukundivimba zona ndingekafi:

8. Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga;Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi;Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;

9. Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova?Hleze ndihlwempuzeke, ndibe,Ndilicukuceze igama likaThixo wam.

10. Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso,Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.

11. Kukho isizukulwana esitshabhisa uyise,Singamsikeleli unina;

12. Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amehlo,Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;

13. Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso,Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!

14. Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetsheZokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.

15. Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe!Zintathu izinto ezingenakuhlútha;Ziné ezingàtshoyo ukuthi, Kwanele:

16. Lelabafileyo; kukungazali;Ngumhlaba ongàhluthiyo ngamanzi;Ngumlilo ongàtshoyo ukuthi, Kwanele.

17. Iliso eligculela uyise,Lidele ukumlulamela unina,Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni,Alidle amathole exhalanga.

18. Izinto zintathu ezibalulekileyo kum;Hayi, ziné endingenakuzazi:

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 30