Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 30:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa.Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,

2. Kuba ndisisityhakala, andimntu;Ingqondo yomntu ayikho kum.

3. Andifundanga bulumko,Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.

4. Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla?Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe?Ngubani na obophe amanzi engutyeni?Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi?

5. Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.

6. Musa ukongeza emazwini akhe,Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.

7. Ndicelé kuwe izinto ezimbini;Musa ukundivimba zona ndingekafi:

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 30