Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 3:23-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ùya kwandula uhambe ngendlela yakho úkholosile.Lungabetheki unyawo lwakho.

24. Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;Wòlala, bube mnandi ubuthongo bakho.

25. Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,Nasithonga sabangendawo, sakufika.

26. Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho,Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.

27. Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo,Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.

28. Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wòbuya uze,Ndokunika ngomso;Kanti ùnayo.

29. Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho,Ehleli nawe yena ekholosile.

30. Musa ukubambana nomntu kungekho nto,Engakuphathanga kakubi nje.

31. Musa ukuyimonela indoda engonyamelayo,Unganyuli nanye kwiindlela zayo.

32. Kuba othi gu bucala úlisikizi kuYehova;Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.

33. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo;Ke isithili samalungisa úyasisikelela.

34. Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka;Ke abalulamileyo uyabababala.

35. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko;Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 3