Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 3:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam;Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;

2. Kuba iya kukongeza imihla emide,Neminyaka yobomi, noxolo.

3. Inceba nenyaniso mayingakushiyi;Zínxibe kuwe emqaleni;Zíbhale elucwecweni lwentliziyo yakho,

4. Ubabalwe ube nengqiqo entleEmehlweni kaThixo nawabantu.

5. Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke,Ungayami okwakho ukuqonda.

6. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke;Wówulungelelanisa umendo wakho.

7. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo;Yoyika uYehova usuke entweni embi.

8. Ukuphila kobakho enkabeni yakho,Nokuqina emathanjeni akho.

9. Mzukise uYehova ngobuncwane bakho,Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:

10. Ózala amaqonga akho bubuninzi,Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.

11. Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa,Ungakruquki sisohlwayo sakhe;

12. Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya,Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.

13. Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!

14. Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere,Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 3