Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 29:17-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.

18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.

20. Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

21. Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.

22. Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;Umntu onobushushu uzele lukreqo.

23. Ikratshi lomntu liya kumthoba;Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.

24. Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe;Uyasiva isishwabulo, angaxeli.

25. Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo;Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.

26. Baninzi abafuna ubuso bomlawuli;Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.

27. Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa;Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 29