Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 29:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

14. Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso,Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.

15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17. Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 29