Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 28:2-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo;Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.

3. Umfo oyintloko ekucudiseni izisweliYimvula etshayelayo, ingasalisi kudla.

4. Abashiya umyalelo badumisa abangendawo;Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.

5. Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni;Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.

6. Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo,Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.

7. Obamba umyalelo ngunyana onengqondo;Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.

8. Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso,Ubuthela obabala izisweli.

9. Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo,Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.

10. Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi,Kuya kweyela yena esihogweni sakhe,Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.

11. Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo;Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.

12. Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko;Ekuphakameni kwabangendawo, àbaveli nokuvela abantu.

13. Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo;Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.

14. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya;Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.

15. Uyingonyama egqumayo, uyibhere* ebhaduliswa kukulamba,Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.

16. Hayi, ingànga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi!Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.

17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumloUsabela nasemhadini; makangabanjezelwa.

18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlútha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlútha bubuhlwempu.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 28