Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 27:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Musa ukuqhayisa ngemini yangomso;Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.

2. Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo;Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.

3. Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi;Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.

4. Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango;Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 27