Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 24:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Othi kongendawo, Ùlilungisa wena,Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.

25. Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo;Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.

26. Wanga imilebe yomlomoOphendula ngamazwi athe gca.

27. Lílungise ishishini lakho phandle,Uzisebenzele entsimini yakho;Emveni koko wakhe indlu yakho.

28. Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu;Ùngásuka uthomalalise na nangomlomo wakho?

29. Musa ukuthi, Njengoko enzé ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye,Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.

30. Ndagqitha entsimini yendoda elivila,Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,

31. Ndafika simile imithuma sonke siphela;Ngaphezulu senile ngamarhawu,Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.

32. Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo,Ndabona, ndamkela uqeqesho.

33. Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:

34. Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi;Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 24