Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 24:20-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Kuba umenzi wobubi akayi kuba naka-mva;Isibane sabangendawo siya kucinywa.

21. Nyana wam, moyike uYehova nokumkani,Ungazibandakanyi nabanokumbi;

22. Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo;Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?

23. Nala mazwi ngawezilumko:Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.

24. Othi kongendawo, Ùlilungisa wena,Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.

25. Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo;Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.

26. Wanga imilebe yomlomoOphendula ngamazwi athe gca.

27. Lílungise ishishini lakho phandle,Uzisebenzele entsimini yakho;Emveni koko wakhe indlu yakho.

28. Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu;Ùngásuka uthomalalise na nangomlomo wakho?

29. Musa ukuthi, Njengoko enzé ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye,Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 24