Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 24:18-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe,Awubuyise umsindo wakhe kulo.

19. Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi,Ungabamoneli abangendawo;

20. Kuba umenzi wobubi akayi kuba naka-mva;Isibane sabangendawo siya kucinywa.

21. Nyana wam, moyike uYehova nokumkani,Ungazibandakanyi nabanokumbi;

22. Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo;Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?

23. Nala mazwi ngawezilumko:Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.

24. Othi kongendawo, Ùlilungisa wena,Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.

25. Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo;Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.

26. Wanga imilebe yomlomoOphendula ngamazwi athe gca.

27. Lílungise ishishini lakho phandle,Uzisebenzele entsimini yakho;Emveni koko wakhe indlu yakho.

28. Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu;Ùngásuka uthomalalise na nangomlomo wakho?

29. Musa ukuthi, Njengoko enzé ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye,Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.

30. Ndagqitha entsimini yendoda elivila,Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,

31. Ndafika simile imithuma sonke siphela;Ngaphezulu senile ngamarhawu,Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.

32. Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo,Ndabona, ndamkela uqeqesho.

33. Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 24