Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 24:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa,Ungasibhuqi isikhundla salo;

16. Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke;Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.

17. Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho,Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;

18. Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe,Awubuyise umsindo wakhe kulo.

19. Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi,Ungabamoneli abangendawo;

20. Kuba umenzi wobubi akayi kuba naka-mva;Isibane sabangendawo siya kucinywa.

21. Nyana wam, moyike uYehova nokumkani,Ungazibandakanyi nabanokumbi;

22. Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo;Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?

23. Nala mazwi ngawezilumko:Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.

24. Othi kongendawo, Ùlilungisa wena,Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.

25. Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo;Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.

26. Wanga imilebe yomlomoOphendula ngamazwi athe gca.

27. Lílungise ishishini lakho phandle,Uzisebenzele entsimini yakho;Emveni koko wakhe indlu yakho.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 24