Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 23:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.

9. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.

10. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;Ungangeni emasimini eenkedama;

11. Kuba umkhululi wazo womelele;Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.

12. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni,Neendlebe zakho entethweni yokwazi.

13. Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni;Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa.

14. Wombetha ngentonga,Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.

15. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho.Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,

16. Zidlamke izintso zamEkuthetheni komlomo wakho okuthe tye.

17. Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni;Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;

18. Inene, kukho ikamva,Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 23