Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 23:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa;Kukudla kwenkohliso.

4. Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi;Yeka okwakho ukuqonda.

5. Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko,Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.

6. Musa ukudla ukudla koliso libi,Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;

7. Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;Úthi kuwe, Yidla usele,Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;

8. Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.

9. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.

10. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;Ungangeni emasimini eenkedama;

11. Kuba umkhululi wazo womelele;Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.

12. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni,Neendlebe zakho entethweni yokwazi.

13. Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni;Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa.

14. Wombetha ngentonga,Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.

15. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho.Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,

16. Zidlamke izintso zamEkuthetheni komlomo wakho okuthe tye.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 23