Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 23:19-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Yiva, wena nyana wam, ulumke,Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.

20. Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini,Naphakathi kwamadla-kudla;

21. Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka;Kona ukozela kwambesa amajacu.

22. Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo,Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.

23. Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo;Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.

24. Úgcoba kakhulu uyise welungisa;Ozele isilumko uyavuya ngaso.

25. Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26. Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28. Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 23