Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 23:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli,Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;

2. Ubeke isitshetshe emqaleni wakho,Ukuba ùngumntu onombilini.

3. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa;Kukudla kwenkohliso.

4. Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi;Yeka okwakho ukuqonda.

5. Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko,Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.

6. Musa ukudla ukudla koliso libi,Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;

7. Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;Úthi kuwe, Yidla usele,Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;

8. Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 23