Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 22:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?

22. Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,Ungamtyumzi olusizana esangweni;

23. Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo,Awonakalise umphefumlo wabonákalisa bona.

24. Musa ukuqhelana nomntu onomsindo,Ungahambi nendoda enobushushu,

25. Hleze ufunde iindlela zayo,Urhintyelise umphefumlo wakho.

26. Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla,Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.

27. Ukuba ùthe akwaba nanto yakuhlawula,Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?

28. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala,Abawenzáyo ooyihlo.

29. Ùyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani;Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 22