Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 22:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ivila lithi, Kukho ingonyama phandle,Ndoncinithwa ezitratweni.

14. Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo;Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.

15. Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana;Intonga yokuqeqesha yokumkisa kuye.

16. Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe,Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.

17. Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko,Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.

18. Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.

19. Ukuze ùkholose ngoYehova,Ndikwazisile namhla wena lo.

20. Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko,Ezineengcebiso nokwazi,

21. Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?

22. Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,Ungamtyumzi olusizana esangweni;

23. Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo,Awonakalise umphefumlo wabonákalisa bona.

24. Musa ukuqhelana nomntu onomsindo,Ungahambi nendoda enobushushu,

25. Hleze ufunde iindlela zayo,Urhintyelise umphefumlo wakho.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 22