26. Imini yonke linqwena linqwenile,Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.
27. Umbingelelo wabangendawo lisikizi;Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!
28. Ingqina elinamanga liyatshabalala;Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.
29. Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso;Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.
30. Akukho bulumko, akukho ngqondo,Akukho cebo malungana noYehova.
31. Ihashe lilungiselwa imini yokulwa,Ke usindiso lona lunoYehova.