Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 21:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Imini yonke linqwena linqwenile,Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.

27. Umbingelelo wabangendawo lisikizi;Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!

28. Ingqina elinamanga liyatshabalala;Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.

29. Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso;Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.

30. Akukho bulumko, akukho ngqondo,Akukho cebo malungana noYehova.

31. Ihashe lilungiselwa imini yokulwa,Ke usindiso lona lunoYehova.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 21