Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 20:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Otshabhisa uyise nonina,Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.

21. Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,Ukuphela kwalo akunantsikelelo.

22. Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;Thembela kuYehova, wókusindisa.

23. Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye;*Nesikali* esikhohlisayo asilungile.

24. Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda;Umntu angáthini na ukuyiqonda indlela yakhe?

25. Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele,Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.

26. Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo,Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 20