Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 19:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.

17. Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.

18. Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.

19. Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.

20. Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.

21. Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.

22. Umnqweno womntu yinceba yakhe;Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.

23. Ukoyika uYehova kusa ebomini;Onako uya kuhlala ehluthi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 19