Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 16:18-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ikratshi likhokela intshabalalo;Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.

19. Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo,Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.

20. Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo;Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe!

21. Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo;Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso.

22. Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo;Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo.

23. Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso,Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.

24. Linqatha lobusi amazwi amnandi,Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.

25. Kukho indlela ethe tye phambi komntu,Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.

26. Ukulamba komxelengi kuyamxelengela,Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba.

27. Umntu olitshijolo umba ububi:Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo.

28. Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano;Nentlebi yahlula amakholwane.

29. Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo,Imhambise ngendlela engalungileyo.

30. Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka;Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi.

31. Isithsaba sokuhomba zizimvi,Sifunyanwa endleleni yobulungisa.

32. Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha;Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 16