Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 15:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi;Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha.

15. Yonke imihla yosizana mibi;Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke.

16. Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova,Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.

17. Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando,Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.

18. Indoda enobushushu ixhaya ingxabano;Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.

19. Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo;Ke umendo wabathe tye ubekelelwe.

20. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;Umntu osisinyabi udela unina.

21. Ukumatha luvuyo koswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ithi tye ukuhamba.

22. Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya;Ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.

23. Indoda inovuyo ngempendulo yomlomo wayo;Ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle!

24. Koqiqayo umendo wobomi usinga phezulu,Ukuze emke kwelabafileyo elingaphantsi.

25. UYehova uyayincothula indlu yabanekratshi,Amise umlimandlela womhlolokazi.

26. Zingamasikizi kuYehova iingcinga ezimbi;Ke ahlambulukile amazwi amnandi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 15