Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 14:14-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Uhlútha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo;Umntu olungileyo uhlútha zizenzo zakhe ngokwakhe.

15. Isiyatha sikholwa ngamazwi onke;Onobuqili uyakuqónda ukunyathela kwakhe.

16. Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi;Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.

17. Ozekanekayo wenza ukumatha;Indoda yamayelenqe ithiyekile.

18. Ilifa leziyatha kukumatha;Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.

19. Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo;Abangendawo bema emasangweni amalungisa.

20. Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo;Ke bona abathanda isityebi baninzi.

21. Omdelayo ummelwane wakhe uyona;Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!

22. Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.

23. Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.

24. Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;Ukumatha kwezinyabi kukumatha.

25. Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;Ke elifutha amanga liyinkohliso.

26. Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.

27. Ukoyika uYehova lithende lobomi,Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.

28. Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani;Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.

29. Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi;Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 14