Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 12:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Iingcinga zamalungisa zisesikweni;Amacebo abangendawo yinkohliso.

6. Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;Umlomo wabathe tye uyabahlangula.

7. Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.

8. Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo,Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.

9. Ulungile ophantsi enesicaka,Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.

10. Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo;Iimfesane zabangendawo zibubujorha.

11. Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla;Osukelana nento engento uswele intliziyo.

12. Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi;Ingcambu yamalungisa iyanika.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 12