Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 12:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Úthanda uqeqesho othanda ukwazi;Úthiya isohlwayo osisityhakala.

2. Olungileyo uyamkeleka kuYehova;Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.

3. Akuzimaseki mntu, enokungendawo;Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.

4. Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe;Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.

5. Iingcinga zamalungisa zisesikweni;Amacebo abangendawo yinkohliso.

6. Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;Umlomo wabathe tye uyabahlangula.

7. Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 12