Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 11:2-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa;Bunabathozamileyo ubulumko.

3. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha;Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.

4. Àbunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo;Ubulungisa buyahlangula ekufeni.

5. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe;Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.

6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.

7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.

8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.

9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.

10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.

11. Ngentsikelelo yabathe tye síyaphakanyiswa isixeko;Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.

12. Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.

13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.

14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.

15. Kubi kakhulu komele omnye;Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.

16. Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko;Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 11