Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 10:19-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ebuninzini bamazwi akusweleki sono;Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.

20. Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa;Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.

21. Umlomo welungisa udlisa abaninzi;Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.

22. Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo,Imbulaleko àyongezi nento kuyo.

23. Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge;Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.

24. Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo;Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.

25. Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo;Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.

26. Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni,Linjalo ivila kwabalithumayo.

27. Ukoyika uYehova kongeza imihla;Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.

28. Ukulinda kwamalungisa luvuyo;Ithemba labangendawo liyadaka.

29. Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova;Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.

30. Ilungisa alishukunyiswa naphakade;Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.

31. Umlomo welungisa umila ubulumko;Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.

32. Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo;Umlomo wabangendawo uyimpenduka.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 10