Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 1:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ukuba bathe, Hamba nathi,Masilalele igazi,Masibalalele abamsulwa bengenatyala;

12. Masibaginye njengelabafileyo behleli,Begqibelele, njengabehla baye emhadini;

13. Sofumana ubuncwane obunqabileyo,Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;

14. Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho,Yoba nye ingxowa yethu sonke:

15. Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo;Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.

16. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi,Zikhawulezela ukuphalaza igazi;

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 1