Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso.