Testamente Endala

Testamente Entsha

Ilevitikus 27:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa athe umntu wenza isibhambathiso esibalulekileyo, imiphefumlo yoba yeka Yehova ngokulinganisela kwakho.

3. Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere* ezimashumi mahlanu zengcwele.

4. Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.

5. Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

6. Ukuba kuthabathele kumntwana onyanga-nye, kwesa kumntwana ominyaka mihlanu, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele zesilivere ezintlanu; ukulinganisela kwakho oyinkazana makube ziishekele zesilivere ezintathu.

7. Ukuba kuthabathele kominyaka imashumi mathandathu ezelwe kwenyusa, ukuba uyindoda, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezilishumi elinesihlanu; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

funda isahluko epheleleyo Ilevitikus 27