Testamente Endala

Testamente Entsha

Ilevitikus 18:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu.

3. Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo.

4. Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu.

5. Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.

6. Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuzé bayo: ndinguYehova.

7. Ubuzé bukayihlo, ubuzé bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe.

8. Ubuzé bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bukayihlo obo.

9. Ubuzé bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuzé bayo.

10. Ubuzé bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuzé bayo; ngokuba ibubuzé bakho.

11. Ubuzé bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuzé bayo.

funda isahluko epheleleyo Ilevitikus 18