Umntu xa kuthe kwakho elùswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa elùswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.