Testamente Endala

Testamente Entsha

Ilevitikus 10:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku oonyana baka-Aaron abangooNadabhi noAbhihu bathabatha elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kulo, babeka phezu kwawo isiqhumiso, basondeza phambi koYehova umlilo ongesesikweni, abengabawiselanga mthetho ngawo.

2. Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, wabadla; bafa phambi koYehova.

3. Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.

4. UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo, Sondelani nibathwale abazalwana benu, nibasuse phambi kwengcwele, nibasé ngaphandle kweminquba.

5. Basondela ke, babathwalela ngaphandle kweminquba, beneengubo zabo zangaphantsi, njengoko watshoyo uMoses.

6. Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSirayeli, bangákulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova.

7. Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife; kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu. Benza ke ngokwelizwi likaMoses.

8. Wathetha uYehova kuAron, esithi,

9. Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;

10. ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;

11. nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.

12. Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.

funda isahluko epheleleyo Ilevitikus 10