Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 98:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Vumani kuYehova ingoma entsha,Ngokuba wenzé imisebenzi ebalulekileyo;Símzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.

2. Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe,Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.

3. Ukhumbulé inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli;Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.

4. Dumani kuYehova, nonke hlabathi,Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.

5. Mbetheleni uhadi uYehova,Uhadi nelizwi lengoma;

6. Ngamaxilongo nezwi lesigodloDumani phambi koKumkani uYehova.

7. Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo,Elimiweyo nabemi balo.

8. Imilambo mayibethe izandla,Zimemelele kunye iintaba

9. Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Izizwe ngokuthe tye.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 98