Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 97:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova,Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.

6. Izulu lixela ubulungisa bakhe,Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.

7. Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo,Abaqhayisa ngeento ezingento;Bayamnqula bonke oothixo.

8. Iyeva, iyavuya iZiyon,Ziyagcoba iintombi zakwaYuda,Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.

9. Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke;Ùnyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.

10. Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi.Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakheÚya kubahlangula esandleni sabangendawo.

11. Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa,Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.

12. Vuyani ngoYehova, malungisa,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 97