Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 96:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.

5. Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.

6. Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.

7. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla;

8. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.

9. Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.

10. Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani,Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi,Úya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

11. Liya kuvuya izulu,Ligcobe ihlabathi;Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.

12. Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo,Ize imemelele yonke imithi yehlathi

13. Phambi koYehova, ngokuba esiza,Ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Úya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 96