Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 92:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kulungile ukubulela kuYehova,Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;

2. Ukuyixela kwakusasa inceba yakho,Nokunyanisa kwakho ebusuku,

3. Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe,Ngokulubetha uhadi ngofefe.

4. Ngokuba ùyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho,Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.

5. Azizikhulu izenzo zakho, Yehova!Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.

6. Isityhakala asinakwazi;Isinyabi asikuqondi oko.

7. Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,Kukuze batshabalale ngonaphakade.

8. Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.

9. Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.

10. Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.

11. Iliso lam liyababonela abandilalelayo,Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.

12. Amalungisa aya kudubula njengesundu,Aya kukhula njengomsedare* weLebhanon.

13. Etyelwe nje endlwini kaYehova,Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.

14. Aya kuhluma eselenezimvi,Aya kuba etyebile, eluhlaza;

15. Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova,Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 92