Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 91:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wòkhangela ngamehlo akho odwa,Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.

9. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam.Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho.

10. Akuyi kuqubisana bubi nawe.Kungafiki sibetho ententeni yakho.

11. Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe,Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.

12. Zokuthwala wena ngezandla zozibini,Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

13. Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi,Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.

14. Ngokuba enamathele kum, ndomsiza;Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.

15. Wóndibiza, ndiphendule,Ndoba naye embandezelweni;Ndomhlangula, ndimzukise;

16. Ndimanelise ngemihla emide,Ndimbonise ukusindisa kwam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 91