Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 91:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kungawa iwaka ecaleni kwakho,Isigidi ngasekunene kwakho,Kodwa kungasondeli nto kuwe.

8. Wòkhangela ngamehlo akho odwa,Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.

9. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam.Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho.

10. Akuyi kuqubisana bubi nawe.Kungafiki sibetho ententeni yakho.

11. Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe,Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.

12. Zokuthwala wena ngezandla zozibini,Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

13. Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi,Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 91