Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 83:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;

8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)

9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.

10. Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.

11. Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;

12. Bona bathi,Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.

13. Thixo wam, bénzé babe njengesaqhwithi,Njengomququ phambi komoya.

14. Njengomlilo odla ihlathi,Njengedangatye lilenya intaba,

15. Yènjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho,Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo.

16. Búzalise ubuso babo ngehlazo,Balifune igama lakho, Yehova.

17. Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade,Babe neentloni, badake;

18. Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwaOsenyangweni phezu kwehlabathi lonke.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 83