Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 83:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo, musa ukuthi cwaka,Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.

2. Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela;Abakuthiyayo baphakamisa intloko.

3. Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.

4. Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.

5. Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe:

6. Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,

7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;

8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)

9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 83