8. Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!
9. Makungabikho thixo wasemzini kuwe;Unganquli thixo wolunye uhlanga.
10. Ndim uYehova uThixo wakho,Okunyusileyo elizweni laseYiputa.Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.
11. Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.
12. Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.
13. Akwaba abantu bam bebendiva,Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!
14. Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo,Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.