Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 81:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,Lisiko likaThixo kaYakobi.

5. Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu,Ekucadeni kwakhe ezweni laseYiputa;Ndeva intetho endingayaziyo.

6. Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe;Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.

7. Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula;Ndakuphendula esitheni leendudumo,Ndakuvavanya emanzini aseMeribha.* (Phakamisani.)

8. Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!

9. Makungabikho thixo wasemzini kuwe;Unganquli thixo wolunye uhlanga.

10. Ndim uYehova uThixo wakho,Okunyusileyo elizweni laseYiputa.Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.

11. Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.

12. Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.

13. Akwaba abantu bam bebendiva,Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!

14. Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo,Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 81