2. Emlonyeni wabantwana nabanyáyo useké amandla,Ngenxa yababandezeli bakho,Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
3. Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho,Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
4. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo?Unyana womntu, le nto umvelelayo?
5. Umsilelise kancinane ebuThixweni,Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
6. Umphathisé ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho,Zonke izinto ùzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
7. Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele,Kwaneenyamakazi zonke;
8. Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle,Into ehamba ngeendlela zolwandle.
9. Yehova, Nkosi yethu,Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!