Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 79:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem;Akwabakho mngcwabi.

4. Sènziwe ingcikivo kubamelwane bethu,Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo.

5. Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile?Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?

6. Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingàkwaziyo,Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho.

7. Ngokuba zimdlile uYakobi,Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.

8. Musa ukubukhumbula kúthi ubugwenxa bamanyange ethu,Mayingxame isikhawulele imfesane yakho:Ngokuba siswele kakhulu.

9. Síncede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho,Usihlangúle, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.

10. Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo?Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu,Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo.

11. Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa;Ngokobukhulu bengalo yakho básalise oonyana bokufa.

12. Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yaboIngcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi.

13. Ke thina bantu bakho, zimvu zalúswa nguwe,Siya kubulela kuwe ngonaphakade,Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 79